Uyobi 39:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. “Ngaba nguwe na owenze ihashe lomelela kangaka?Nguwe owalivathisa ngeso singci siyakayaka?

20. Nguwe olenze lanako ukuthi qakatha njengeenkumbi?Nguwe olenze larhwaqelisa ngesandi somfutho walo?

21. Ligxanya ngamandla ngaloo manqina alo xa lijikela entilini phaya,selifunzele phakathi kwayiwayo!

22. Kaloku lona alinadyudyu nantaka;aliwazele nto umkhonto, alibuyi ngamva.

23. Kaloku lo uphezu kwalo uxhob' uf' amacala;oomikhonto noozincula ziyabengezela.

24. Ngaloo manqina alo lisiphula umhlaba,selingasakwazi ukuzibamba, lilindele ukuvakala kwexilongo.

25. Lakuva umtyangampo wexilongo lithi: ‘Ngxatsho ke!’ze lithi lisekude lé, libe seliqonda ukuba izwe lifile!Kaloku liyabeva oomaqhuzu xa bayalelayo.

26. “Ngaba bubulumko bakho na obunika ukhetshe ubuchule bokubhabha?Nguwe omenza athi naa amaphiko abheke kwelasezantsi?

Uyobi 39