6. Khona, zixhaswe yintoni iintsika zalo?Ingubani owalimisela ilitye lesiseko?
7. Ngaloo ntsasa iinkwenkwezi zamemelela,izidwangube zakwaThixo zona zanemincili.
8. Mhla lwagqabhuka ulwandle emhlabeni,ngubani owalumisela imida?
9. Kaloku ndim owalwambathisa ngamafu,ndaza ndalusonga ngobumnyama.
10. Ndim owalumisela imida,ndalubiyela ndaluvalela endaweni yalo.
11. Ndaluyalela ndathi:‘Hamba, ungagqithi apha;amaza akho adlokovayo makaphele apha.’
12. “Ukhonje wakha wayiyalela intsasa yabakho?Wakha wasikhombisa indawo yaso na isifingo?
13. Nditsho umsobomvu okhanyisela iziphelo zehlabathi,khon' ukuze izikhohlakali zingabi nakuzimela ebumnyameni.
14. Kaloku ukusa kuzitsho ziphuhle iinduli neentili,zibe ngathi yingubo ebikade isongene;ewe, zitsho zicace oku kophawu olushicilelwe kumdongwe.
15. Abakhohlakeleyo bayoyiswa kukukhanya;kaloku ingalo yabo yokugonyamela yaphulwe.
16. “Ngaba wakha wayibona imithombo yolwandle?Sowukhe wathi cakatha ezintunjini zenzonzobila?
17. Uwatyhilelwe na amasango okufa?Wakha wakubona kwamnyama-ndawo?
18. Khawutsho, lingakanani ihlabathi?Phendula kaloku ukuba uyazazi ezi zinto!
19. “Ungalixela apho likhoyo ikhaya lokukhanya?Khona, wona umthombo wobumnyama uphi?
20. Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?
21. Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!
22. “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?
23. Ezi zinto ndizigcinele mhla kwanyembeleka;ndizigcinele mhla kwathiwa ilizwe lifile.
24. Uyayazi na indlela eya apho kuvela khona ukukhanya?Uthini umoya wasempuma ukusasazeka phezu kwehlabathi?