4. “Wawuphi xa ndiseka ihlabathi?Yitsho kaloku, uyingqondi andithi?
5. Ngubani owamisa ubungakanani balo?Awunakungayazi loo nto!Ngubani owalijikelezayo etsala intambo?
6. Khona, zixhaswe yintoni iintsika zalo?Ingubani owalimisela ilitye lesiseko?
7. Ngaloo ntsasa iinkwenkwezi zamemelela,izidwangube zakwaThixo zona zanemincili.
8. Mhla lwagqabhuka ulwandle emhlabeni,ngubani owalumisela imida?
9. Kaloku ndim owalwambathisa ngamafu,ndaza ndalusonga ngobumnyama.
10. Ndim owalumisela imida,ndalubiyela ndaluvalela endaweni yalo.
11. Ndaluyalela ndathi:‘Hamba, ungagqithi apha;amaza akho adlokovayo makaphele apha.’
12. “Ukhonje wakha wayiyalela intsasa yabakho?Wakha wasikhombisa indawo yaso na isifingo?
13. Nditsho umsobomvu okhanyisela iziphelo zehlabathi,khon' ukuze izikhohlakali zingabi nakuzimela ebumnyameni.
14. Kaloku ukusa kuzitsho ziphuhle iinduli neentili,zibe ngathi yingubo ebikade isongene;ewe, zitsho zicace oku kophawu olushicilelwe kumdongwe.
15. Abakhohlakeleyo bayoyiswa kukukhanya;kaloku ingalo yabo yokugonyamela yaphulwe.