11. Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo,boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo,neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.
12. Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele,bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.
13. “Abantliziyo zingenaThixo bazongezelela ingqumbo yakhe;abazibiki kuye naxa bekhonkxiwe.
14. Bona bafa besebatsha,bexhwalekile ngamahlazo abahlala kuwo.
15. Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima;ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.
16. “Nawe wakukhupha enkathazweni,wakutsho waxhamla intlala-kahle,usitya uhlutha, ungaswele nto.
17. Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho;ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.