Uyobi 33:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kaloku nam ndidalwe nguMoya kaThixo;ukuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

5. Ndiphendule ukuba unako;qula uzilungiselele amagama.

6. Kaloku phambi koThixo siyafana sobabini;ewe, sobabini sabunjwa nguye ngodongwe.

7. Ngoko ke uzungatatazeli, mwethu;noko nesandla sam asingeke sikucinezele.

8. “Ngokuya ubuthetha ndikuvisisile;kaloku uthethe wenjenje:

9. ‘Mna ndimsulwa, andinatyala;andinachaphaza, ndingenasiphoso.

10. Koko uThixo uyandidlelelela nje;ewe, ufumana endityhola ngokuba ndilutshaba!

Uyobi 33