19. “Kananjalo umntu wolulekwa nangezigulo ezibuhlungu,aphanjwe ziingqaqambo emzimbeni.
20. Ewe, ude angabi sakulangazelela nokutya,nokona kumnandi akucekise.
21. Ubhitya abe ngumcinga,nezo mbanjana zakhe bezifihlakele zithi gqi ngaphandle.
22. Kaloku selejinga phezu kwengcwaba;ubomi bakhe bukhwetywa kukufa.
23. Mhlawumbi ke angeza kulamlelwa sisithunywa,esinye kuloo mawaka-waka,simkhumbuze ngeemfanelo zakhe.
24. Singatsho ngovelwano sithi:‘Mkhulule; makangehli aye kwelabafileyo.Nantsi kaloku intlawulo.’
25. Ulusu lwakhe luya kuhlaziyeka njengolosana,lubuyiselwe kwimihla yobutsha bakhe;
26. athi ke akuthandaza eviwe nguThixo,atsho amnqule ngothakazelelo,abuye abe ngumntu oziphethe ngaloo ndlela ayifunayo uThixo.
27. Uya kuvuma esidlangalaleni athi:‘Ndonile ndaphambuka endleleni,kodwa uThixo akandohlwayanga ngako oko bekundifanele.