Uyobi 32:6-18 Ibhayibhile (XHO96)

6. wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi:“Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka,ke nina senikhulile, niziingwevu,nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala,ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.

7. Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’

8. Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.

9. Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.

10. “Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.

11. Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.

12. Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;akukho namnye umchaniley' uYobi,kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.

13. Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.

14. UYobi ubebhekisa kuni, ingekum.Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.

15. “Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala;kungokunje basik' umlomo.

16. Mandithini na ke mna?Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!

17. Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda,ndiluvakalise nolwam uluvo.

18. Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,kuba kuninzi ukuthetha kum.

Uyobi 32