6. Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.
7. Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,
8. izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.
9. “Ukuba ngaba ndikhe ndancwasa omnye umfazi,okanye ndaya kumxhwarhela ngasemasangweni ommelwane,
10. umfazi wam ngamana wagubela enye indoda;ewe, ngamana wambathwa bantu bambi.
11. Kuba eso ingaba sisenzo esigwenxa,ingaba lityala elifanelwe kukugwetywa.
12. Loo nto ingaba njengomlilo otshabalalisayo,otshisa yonke imveliso yam.