Uyobi 31:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. Andithi na kaloku yena uyazazi iindlela zam,ewabala onke amanyathelo am?

5. “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.

6. Makhe ndibekwe esikalini kungekho xanasiukuze uThixo aqonde ukuba ndimsulwa.

7. Ukuba ngaba nditenxile endleleni,ndaza ke ndabhaduliswa yiminqweno,okanye ukuba izandla zam zidyojwe bububi,

8. izilimo zam mazixhatshazwe mntu wumbi,yonke into endiyilimileyo mayincothulwe neengcambu.

Uyobi 31