Uyobi 31:28-36 Ibhayibhile (XHO96)

28. nale ke into ibingaba bubugwenxa obufanele isohlwayo esiqatha,kuba ukwenjenjalo ingaba kukuvukelana noThixo kweliphezulu.

29. “Andizange ndavuyiswa kukubandezeleka kotshaba lwam,ndingazange ndakuthakazelela ukuminxeka kwalo.

30. Andizange umlomo wam ndiwuvule wonengokusuka ndilushwabulele utshaba lwam.

31. Namadoda andisebenzelayo akazange athi:‘Yhu, besilamba phaya kwaYobi!’

32. Abahambi abazange balale ecaleni lendlela ndikho;ndiyabamema beze, kuba iingcango zomzi wam zahlala zivulekile.

33. Bambi bayazigusha bazifihle iziphoso zabo,kambe ke mna andibufihli ubugwenxa bam.

34. Kuba mna andiboyiki abantu,andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini,kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.

35. “Akwaba bekukho ondiphulaphuleyo!Ndiwandlalile umcimbi wam;uSomandla makandiphendule.Akwaba izityholo endibekwa zona ngondimangalelayo bezibhaliwe.

36. Bendiya kuzithwala emagxeni,ndizithi jize ngazo entloko njengentshinga.

Uyobi 31