Uyobi 31:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.

18. Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19. Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20. bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

Uyobi 31