Uyobi 31:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Andithi na kaloku kwalo Thixo udale mnazikwadalwe nguye nezicaka zam!

16. “Mna andizange ndikumangale ukunceda amahlwempu,nabahlolokazi abazange bemke belambatha kum.

17. Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.

18. Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19. Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20. bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

21. Ngaba ndakha ndayivuyelela inkedamakuba ndiqhayisa ngokuyitshonisa nasenkundleni?

Uyobi 31