1. “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonkeukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo.
2. Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo?Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu?
3. Abangalunganga ubathwaxa ngezibetho,aze abo bangamatshijolo abayekele ngentlekele.
4. Andithi na kaloku yena uyazazi iindlela zam,ewabala onke amanyathelo am?
5. “Ndiqinisekile andizange ndenze buqhophololo,ndingazanga ndakhohlisa mntu.