4. Balamba kangangokuba ungafika besimba iinqoba emqwebedwini,bade batye neengcambu zemithi.
5. Abantu babagxothile phakathi kwabo;basuke babahewula bangathi bachil' isela!
6. Kuye kwanyanzeleka ukuba baye kuhlala emiqolombeni,emingxunyeni, nasezimfanteni emaweni.
7. Bakhonya phakathi kwamatyholo,ufike sebethe buthalala phantsi kwemithi.
8. Awu, ziinjubaqa;sisizukulwana soongantweni eside sagxothwa nakwelakowazo!