Uyobi 30:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. Andithi na kaloku ndandilila kunye nabasezingxakini,umphefumlo wam udandatheka ngenxa yamahlwempu?

26. Mna ndithe ndijonge okuhle kwathi gqi okubi;bendilindele ukukhanya, suka kwathi nyalulu ubumnyama.

27. Ndithiwe fithi lunxunguphalo, alundiphe thuba;imihla ngemihla ndihlangatyezwa yinkathazo.

28. Ukukhanya akukho, ndihamba ndigutyungelwe bubumnyama;into endiyenzayo embizweni kukuzibika.

29. Ngoku sendingumlingane woodyakalashe;ewe, ndiliqabane leenciniba.

30. Ulusu lwam selujike lwamnyama, futhi luyaxobuka,ibe ke nomzimba wam lo uyagcadeka.

31. Ihapu yam ngoku seyijike yaba yeyesililo,nefluthi yam ngoku seyisenza isijwili.”

Uyobi 30