8. Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;ngeziyifunze ngengwenya.
9. Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,nomsobomvu ungaze uthi chapha!
10. Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.