Uyobi 3:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;mini ingazange yabonana nokukhanya!

5. Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;

6. nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.

7. Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.

8. Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;ngeziyifunze ngengwenya.

9. Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,nomsobomvu ungaze uthi chapha!

Uyobi 3