Uyobi 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko ke uYobi wathetha wawuqalekisa umhla awazalwa ngawo.

2. Ewe, uYobi uvakele esithi:

3. “Ngamana zange wathwasa umhla endazalwa ngawo;nditsho nobo busuku apho kwathiwa: ‘Namhlanje kukhawulwe indoda!’

4. Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;mini ingazange yabonana nokukhanya!

5. Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;

6. nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.

Uyobi 3