1. Ke kaloku uYobi wathathisa wathetha wenjenje:
2. “Awu, akwaba ibinokubuyiselwa kum imihla yamandulo,ngokuya uThixo wayesandilondolozile,
3. xenikweni isibane sakhe besikhanya phezu kwentloko yam,xa ndanditabhata nasebumnyameni endikhanyisela.
4. Ewe, ngaloo mihla yamfamlibe ndandimi kakuhle;bendilala ngangubo-nye noThixo emzini wam.