6. Ngaba angasunduzana nam ngaloo mandla akhe?Hayi, uThixo ngeke akwenze oko.
7. Kaloku enkundleni yakhe amalungisa aphuma phambili.Ke ngoko uMgwebi wam ebeya kundigwebela kuphele.
8. “Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.
9. Nokuba usebenza kwelasentla andimboni;xa ebuyela kwelasezantsi usithele emehlweni am.
10. Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
11. Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.
12. Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.
13. Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?Oko afuna ukukwenza uyakwenza.