Uyobi 22:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,aze akumise enkundleni?

5. Akungebi ngokuba wone gqitha,nobugwenxa bakho bungenasiphelo?

6. Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.

Uyobi 22