Uyobi 22:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’

21. “Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.

22. Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.

23. Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.

24. Igolide yakho yilahle,neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.

Uyobi 22