1. Kwesi sithuba ke kuthathise uBhildadi, umfo waseShuwa, wenjenje:
2. “Koda kube nini untyuntya?Hayi bo, khawubuyel' ezingqondweni, nathi ke sithethe!
3. Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?Ngaba usibona siziziyatha ezinjalo?
4. Uyazenzakalisa ngalo msindo wakho.Ngaba umhlaba mawujike ube yinkangala ukungqinela ukunyaniseka kwakho?Uthi makudilik' amawa ezindaweni zawo?