Uyobi 17:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo;ewe, ndijongene nentiyo yabo.

3. “Nceda, Thixo, undibekele isibambiso.Kakade ke ibingubani omnye ongandikhuselayo?

4. Kaloku iingqiqo zabo uzithe lwale ngokungaqondi;ngoko ke mabangandoyisi.

5. Kaloku umntu ongcothoza izihlobo zakhe ngenxa yenzuzo,abantwana bakhe baya kufa amehlo.

6. “Undenze ndaba ngundaba-mlonyeni kubantu bonke,into etshicelwa ebusweni.

7. Ngenxa yeenzingo amehlo am selede anorhatyazo;sendide ndayingcadalala ephephukayo.

8. Abo banyanisekileyo ke bamangalisiwe;ewe, abamsulwa bayakhathazeka ngenxa yabachasene noThixo.

9. Olilungisa ubambelele nkqi endleleni yakhe,ngokunjalo ke nabo bazandla zimsulwa baya besomelela ngokomelela.

Uyobi 17