6. “Kambe ke, nokuba ndiyathetha, intlungu le ayisuki;kanti ke nokuba ndithule, kusafana.
7. Hayi ke, ngoku uThixo undiqobile;usapho lwam uluvuthulule bhuqe!
8. Ndifunyenwe nguye, kwaza oko kwaba bubungqina bokundityhola;ukonakala komzimba wam bubungqina obundidobelelayo.
9. Ngale ngqumbo yakhe undiqwengile wandenzakalisa;undisinekele ngaloo mazinyo akhe;yena mchasi wam uyandijamela.
10. Abantu bathetha ngam bendigxeka;bandimpakaza esidleleni ngengcikivo,bebonke badibana ngokundichasa.
11. UThixo undiyekele ngezaphula-mthetho,wandinikela ezandleni zezikhohlakali.