Uyobi 12 Ibhayibhile (XHO96)

UYobi: Ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

1. Ke uYobi waphendula wathi:

2. “Inene, ningabona bantu;ibe ke nobulumko buya kufa nani!

3. Kambe ke nam ndinengqondo njengani;anindidluli nganto.Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?

4. “Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule;kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam –ewe, ilungisa lomfo ongenabala,kambe ke namhlanje ndisisigculelo!

5. Oseshweni uyadelwa ngabathe zava;ogxadazelayo uyakhatywa!

6. Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa;abamqumbisayo uThixo bakhuselekile;nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.

7. “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa;nibuze nasezintakeni, zinixelele.

8. Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika;ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.

9. Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.

10. Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe,nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.

11. Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya,nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.

12. Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu;ke bona ubudala buza namava.

13. “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla,amacebo nengqiqo.

14. Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe;ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.

15. UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela;kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.

16. Ukomelela noloyiso lolwakhe,kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.

17. Yena amaphakathi uwatsho ancitheke,nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.

18. Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani,aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.

19. Ababingeleli ubatsho baphoxeke,aze wona amakhwahla awakhiqe.

20. Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle;aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.

21. Amatshawe uwahlaza ngendelelo;ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.

22. Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama,nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.

23. Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule;azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.

24. Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga,zifathule zibhadula enkangala.

25. Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya;zigxadazele njengamanxila.