Uyobi 11:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku yena uyabazi oongantweni;ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?

12. Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondomhla iqwarha lazala umntu!

13. “Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho,unganako ukolulela izandla kuThixo.

14. Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo,nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.

Uyobi 11