6. Uthe loo mfo: “Xa kunjalo ke mna andizi kuyithatha loo ntsimi, kuba ndiya kuba ndizifaka engxakini yokubeka umzi wam esichengeni. Ungayithatha wena; mna andinako.”
7. Ngaloo maxesha xa kuthengiswa okanye kunananiselwana umthengisi wayekhulula imbadada, anike umthengi. Ayebonakalisa ngaloo ndlela amaSirayeli ukuba umcimbi ugqityiwe.
8. Wathi ke lo mfo akuthi kuBhowazi: “Yithathe,” watsho ekhulula imbadada yakhe.
9. UBhowazi ubhekise kwababelapho kunye namadoda amakhulu, wathi: “Namhlanje nonke ningamangqina okuba namhla ndithathe konke okukaElimeleki kuNawomi. Nditsho nokukaKiliyon noMalon oonyana bakhe.
10. Ngaphezu koko umka-Malon, umMowabhikazi uRute, uza kuba ngumkam. Loo nto iya kwenza ukuba izinto zikamfi zihlale zizezakubo, lize negama lakhe lingaze licime kumawabo nasezimbalini zakowabo. Ningamangqina aloo nto ke namhlanje.”