Urute 2:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke wafika uBhowazi, evela eBhetelehem. Wababulisa abavuni, esithi: “UNdikhoyo ubenga angaba nani!”Baphendula bathi bona: “Camagu! Akuthamsanqelise nawe uNdikhoyo!”

5. Emva koko uBhowazi ubuze kwinduna ephethe abavuni, wathi: “Kanene yintombi yasemanini leya ndiyibonayo?”

6. Yona ithe: “NgumMowabhikazi lowa, lo ufike noNawomi ukubuya kwakhe kwelamaMowabhi.

Urute 2