20. Wavakala uNawomi esithi kumolokazana: “UNdikhoyo ozibele zihlala zihleli kwabaphilayo nabafileyo makamthamsanqelise uBhowazi!” Uqokele wathi: “Loo mfo usisizalwane esisondeleyo kuthi. Ungomnye wabantu esijonge kubo njengomkhululi.”
21. Ke uRute umMowabhikazi wathi: “Kananjalo uBhowazi uthe mandincamathele kubasebenzi bakhe de kugqitywe ukuvunwa.”
22. UNawomi uthe: “Ewe, mntwan' am, kuhle uhambe neentombi zaphaya kwaBhowazi. Usenokuhlelwa yinto embi kumasimi abanye abantu.”
23. URute wancamathela kwezo ntombi zakwaBhowazi, ekhwahlaza kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nengqolowa. Wayehlala no ninazala ngalo lonke elo xesha.