Urute 1:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. Waza ke uElimeleki indoda kaNawomi wasweleka, uNawomi wasala noonyana bakhe bobabini,

4. ababetshathe iintombi zamaMowabhi. Inkulu yayizeke uOrpa, inci izeke uRute. Bahlala khona iminyaka emalunga neshumi,

5. basweleka nabo ooMalon noKiliyon, wasala uNawomi engumhlolokazi engasenandoda nanyana.

6. Akuva uNawomi ukuba *uNdikhoyo ubabonelele abantu bakhe ngesivuno esihle, uye walungiselela ukuya kowabo kunye noomolokazana bakhe ababini.

Urute 1