21. Ekumkeni kwam apha ndandingenanto ndingenayo, kodwa ngoku uNdikhoyo undibuyisa ndiyimpula kalujaca. Nisatsholo ni ukuthi ndinguNawomi xa yena uNdikhoyo esuke wandicinezela nje – xa yena uSomandla esuke wandizisela iinkxwaleko?”
22. Kwaba njalo ke ukubuya kukaNawomi evela eMowabhi, ehamba nomolokazana wakhe uRute umMowabhikazi. Kwakuxa kanye kuqaliswa ukuvunwa kwerhasi ukufika kwabo eBhetelehem.