15. Bakulamba wabanika ukutya,ukutya okuvela ezulwini.Bakunxanwa wabanika amanzi,amanzi aphuma eliweni.Wena wabayalela usithi mabalithathe elo lizwe,umhlaba owabafungela ngawousithi sobanika isandla sakho.
16. “Kodwa ke bona oobawo-mkhulusuka bakhukhumala banenkani,abayithobela imiyalelo yakho.
17. Abavumanga kuphulaphula,bayilibala imimangaliso yakhoowayenza phakathi kwabo.Suka bankaniza bagwilika,bazinyulela inkokheli,befuna ukuphindela ebukhobokeni.Kambe ke wena unguThixo oxolelayo,wambeth' isisa novelwano,ucaphuka kade,uphuphum' uthando.Ewe, wena akubalahlanga.
18. Nangona sebezenzele umfanekiso,baqingqa ithole, besithi:‘Nanko uThixo wakhoowakukhupha kwelo laseJiputa;’naxa babesenza amanyundululu.
19. Ngenxa yobukhulu benceba yakhoakubashiyanga kuloo ntlango;awunqumamanga umqulu welifu.Emini wabakhokela endleleni yabo,lenjenjalo nelangatye lomlilo,ebusuku labakhanyisela indlela yabo.