Unehemiya 7:64-68 Ibhayibhile (XHO96)

64. Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.

65. Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.

66. Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360

67. izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245

68. amahashe 736 iimeyile 245

Unehemiya 7