Unehemiya 4:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ungalingcwabi ityala labo, nezono zabo ungazisusi emehlweni akho. Kaloku bona babagibisele ngezithuko abakhi.

6. Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.

7. USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha.

8. Badibana bonke, benza iyelenqe lokuza kulwa neJerusalem, badale isiphithi-phithi.

9. Kambe ke sakhunga kuThixo wethu, samisa abalindi ukujongana nabo imini nobusuku.

10. Ke bona abantu bakwaJuda bathi: “Abasebenzi bayaphelelwa ngamandla ngoku, ibe yona inkunkuma ininzi kangangokuba singabi nako ukuqhubela phambili silwakhe udonga.”

11. Neentshaba zethu zathi: “Bothi bengekasiqondi okanye basibone, sibe sesiphakathi kwabo, sibaqwakanise bafe, ume lo msebenzi.”

12. Ke amaJuda awayemelene nazo ezi ntshaba eza kaninzi-ninzi kuthi esixelela esithi: “Noba ningathini na ziza kusihlasela.”

Unehemiya 4