5. Ungalingcwabi ityala labo, nezono zabo ungazisusi emehlweni akho. Kaloku bona babagibisele ngezithuko abakhi.
6. Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.
7. USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha.
8. Badibana bonke, benza iyelenqe lokuza kulwa neJerusalem, badale isiphithi-phithi.
9. Kambe ke sakhunga kuThixo wethu, samisa abalindi ukujongana nabo imini nobusuku.
10. Ke bona abantu bakwaJuda bathi: “Abasebenzi bayaphelelwa ngamandla ngoku, ibe yona inkunkuma ininzi kangangokuba singabi nako ukuqhubela phambili silwakhe udonga.”
11. Neentshaba zethu zathi: “Bothi bengekasiqondi okanye basibone, sibe sesiphakathi kwabo, sibaqwakanise bafe, ume lo msebenzi.”
12. Ke amaJuda awayemelene nazo ezi ntshaba eza kaninzi-ninzi kuthi esixelela esithi: “Noba ningathini na ziza kusihlasela.”