Unehemiya 2:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. USanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, bathe bakuyiva le nto, suka bakhathazeka yinto yokuba kubekho umntu oze kuphuhlisa intlalo-ntle yamaSirayeli.

11. Ndaya eJerusalem, ndaza emva kweentsuku ezintathu

12. ndaphuma ngobusuku ndinebathwana lamadoda. Zange ndixelele mntu ngento uThixo wam ayibeke entliziyweni yam ukuba ndiyenzele iJerusalem. Kwakungekho nazinto zokukhwela ngaphandle kwaleyo ndandikhwele kuyo.

13. Ngobusuku njalo ndaphuma ngeSango leNtili, ndaya ngakwiQula likaDyakalashe neSango lobuLongwe, ndazihlola ezo ndonga zidilikileyo naloo masango atshiswe ngomlilo.

14. Ndadlulela kwiSango loMthombo neQula loKumkani; kambe ke andibanga nako ukudlula khona ndikhwele.

Unehemiya 2