Unehemiya 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngenyanga uNisan kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ngethuba lokunikwa kwakhe iwayini, ndayithatha iwayini leyo ndamnika. Ukumkani wayengazange andibone ndilusizi ngaphambili,

2. ngoko ke ukumkani wathi kum: “Ungaguli nje, ngani ke ukuba bunxunguphale kangaka ubuso bakho? Makube ikho into ekuhluphayo entliziyweni.”Ndasuka ndoyika,

3. kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”

4. Ukumkani wathi kum: “Yintoni ke oyifunayo?”Ndathandaza uThixo wamazulu,

5. ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”

6. Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.

7. Kananjalo ndathi kuye: “Ukuba uyakholwa, kumkani, uze undinike iileta eziya kubalawuli belentshona ye-Efrati, ukuze bangandithinteli ukudlulela kwelakwaJuda.

Unehemiya 2