Unehemiya 13:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaloo mini ke incwadi kaMosis yafundwa ngokuvakalayo, besiva nabantu, kwaza ke kwafumaneka kubhaliwe apho kuyo kwathiwa akukho m-Amon namMowabhi uya kuze angeniswe ebandleni likaThixo.

2. Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa.

3. Bathe ke abantu bakuwuva lo mthetho, basuka bamchwethela phaya wonke umntu osondele kuSirayeli kodwa engowomlibo weentlanga.

Unehemiya 13