3. Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,esokunene sona sindiwole.
4. Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.
5. Ngubani lo uvela ngasentlango,uqhogene nesithandwa sakhe?Ndakuvusa phantsi kom-apile,apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,apho waba nenimba khona owakuzalayo.
6. Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.Ludangazela ngathi lidangatye,luvuthe ngathi ngumlilokazi.