3. Isithandwa sam sesam, nam ndingowaso;salusela phakathi kweenyibiba.
4. Awu, waza wamhle, sithandwa sam!Uyinzwakazi okwesixeko iTiza;umhle nqwa neJerusalem;unesihomo ngathi ngumkhosi onendwe.
5. Hayi, musa ukundijonga;amehlo akho ayandongamela.Iinwele ngathi ngumhlambi weebhokhwezisihla kuloo mixawuka yaseGiliyadi.
6. Amazinyo amhlophe qhwa,ngathi ziigusha zivela kuhlanjwa.Onke asenamaqabane awo;akukho lingumth' uzimele.
7. Izidlele ngaphaya kwesigqubuthelongathi ngamacala erharnati.
8. Amakhosikazi ngamashumi amathandathu,amaqadi ngamashumi asibhozo,ngokunjalo nentaphane yeentombi,