8. Khanive, sisithandwa sam eso!Awu, naso ke sisiza:siza siqakatha ezintabeni;siyatsiba-tsiba ezindulini phaya.
9. Isithandwa sam ngathi linxala,sona sinjengetakane lebhadi.Naso simi emva kodonga lwakowethu,silolonga efestileni,sinyondla, sikroba emkhusaneni.
10. Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:“Vuka kaloku, sithandwa sam.Awu, uyinzwakazi ke khona!Yiza kaloku, masihambe.
11. Kaloku bona ubusika budlule,kananjalo neemvula zigqithile.
12. Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;ligalelekile ixesha lokuntyiloza.Nâlo ihobe lidumzela;ewe, liyavakala kweli lakowethu.
13. Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.Phakama uze, sithandwa.Ewe, nzwakazi yam,yiza kaloku, masihambe!”
14. Uyintw' engathi lihotyazanalithe nca ezimfanteni zamawa;nditsho elizimela ezintabeni.Vela kaloku ndikubone,ukuze ndive nelo lizwi;nditsho elo liyole kunene.Ubuso bakho buthi ndijonge!
15. Khawusibambele ezo mpungutye;ewe, iimpungutyana ezincinci,kuba ziyazonakalisa izidiliya,kanti izidiliya zethu zityatyambile.
16. Isithandwa sam sesam,kanti nam ngokwam ndingowaso.Sona salusa phakathi kweenyibiba.