Uncuthu Lwengoma 2:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;ligalelekile ixesha lokuntyiloza.Nâlo ihobe lidumzela;ewe, liyavakala kweli lakowethu.

13. Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.Phakama uze, sithandwa.Ewe, nzwakazi yam,yiza kaloku, masihambe!”

14. Uyintw' engathi lihotyazanalithe nca ezimfanteni zamawa;nditsho elizimela ezintabeni.Vela kaloku ndikubone,ukuze ndive nelo lizwi;nditsho elo liyole kunene.Ubuso bakho buthi ndijonge!

15. Khawusibambele ezo mpungutye;ewe, iimpungutyana ezincinci,kuba ziyazonakalisa izidiliya,kanti izidiliya zethu zityatyambile.

16. Isithandwa sam sesam,kanti nam ngokwam ndingowaso.Sona salusa phakathi kweenyibiba.

Uncuthu Lwengoma 2