Uncuthu Lwengoma 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiyintyatyambo yaseSharon,inyibiba yasentilini.

2. Njengenyibiba phakathi kwamevasinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

3. Njengomthi weeapile ehlathinisinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;azimnandi ngako iziqhamo zawo!

4. Wandingenisa endlwini yombhiyozo,wandiphakamisela intshinga yothando.

5. Ndomeleze ngesixa seerasentyisi,kananjalo undihlaziye ngeeapile.Kaloku ndiyafa luthando.

6. Isandla sakhe sasekhohlo sixhasa intloko yam,esokunene sona siyandiwola.

Uncuthu Lwengoma 2