5. Nanku umlomo kaNdikhoyo onamandla onke:“Ndichasene nawe, Niniva!Ndokuhluba izambatho zakho ziye kufika ebusweni,iintlanga ndizivezele ubuze bakho,izikumkani zilibone ihlazo lakho.
6. Ndiza kukubhaxeka ngobunyhuku-nyhuku,Ewe, ndokuphatha ngolunya,ndikutsho ube sisigculelo.
7. Abakubonayo bongcachela phaya,besithi: ‘Kaloku iNiniva seyingamabhodlo.Yaz'ba ingalilelwa ngubani na?Ndingambhaqa phi onokukuthuthuzela?’ ”
8. Ngaba wena ungcono kuneNo-amoneyayimi phezu kweNayile,leyo yayijikelezwe ngamanziafana nolwandle olulixhadi layo,manzi lawo aludonga lwayo?
9. Amandlakazi ayo inguKushe noJiputa,intong' esekhosi inguPuti noLibhiya.
10. Nakuba kunjalo yathinjwa,bahamba baya kutshona ebukhobokeni,ke bona oozimveku yaba ziziqwenga;ube ngajikela kule kona ibe zizo.Izikhulu zaqashwa oku kwenyama,amadoda azivayo suka akhonkxwa.
11. Nawe kambe uza kushusha,uzame ukuzimela,ufune ukuzikhusela ezintshabeni zakho.