16. Abarhwebi bakho bandile;bangaphezu kwazo neenkwenkwezi.Njengeenkumbi banqunqa konke, bemke.
17. Abalindi bakho nqwa neenkumbi;amagosa akho anjengebubu leentetheelihlala eludongeni mhla ngengqele,kwakuvela ilanga lisabe,lingaze laziwe mntu.
18. Ke wena, kumkani waseAsiriya,abelusi bakho bona balele,izikhulu zakho zilel' obentlombe.Abantu bakho bathe saa ezintabeni;ewe, abanaye namqokeleli.
19. Uduma lwakho alunakunyangeka;awenzakalanga ungxwelerhekile!Abazivayo iindaba zokuwa kwakho basuka baqhwabe izandla.Ngubani ongayingcamlanga inkohlakalo yakho engenasiphelo?