Unahum 3:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mawoo, sixekondini samagazi,ntondini ephuphuma ubuxoki,into emaxhoba maninzi kunene,ekuxhaphaza kungenalo nekhefu!

2. Naso sihlwahlwaz' isabhokhwe,atsho akraxalaza namavili.Ewe, ayagqabadul' amahashe;zigoqoza ngamandla iinqwelo.

3. Umkhosi wabamahashe ugalelekile,utsho ngaloo makrele akhazimlayo.Hayi ukumenyezela kwemikhonto!Ewe, kujub' ugodo ngapha nangapha.Hayi, akuzidumbu zibelekene!Yinyambalala imizimba yabafi;uba ngahamba ukhubeka kuyo.

Unahum 3