10. Noba sebebhijeleke okobobo,noba sebemanzi ngokwamanxila,bofana nomququ owomileyo,bovutha baphele kuthi nya.
11. Apho kuwe kuthe gqi umfoowenzela uNdikhoyo ubugwenxa,umfo ofutha inkohlakalo.
12. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nangona bomelele beyinyambalala,baya kunqanyulwa bathi shwaka.Nangona ndakubandezelayo, Juda,ngoku andiyi kuphinda.
13. Idyokhwe yabo ndiza kuyaphula;ewe, ndoyisusa entanyeni yakho,ndiziqhawule iimbophelelo zakho.”