Unahum 1:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Noba sebebhijeleke okobobo,noba sebemanzi ngokwamanxila,bofana nomququ owomileyo,bovutha baphele kuthi nya.

11. Apho kuwe kuthe gqi umfoowenzela uNdikhoyo ubugwenxa,umfo ofutha inkohlakalo.

12. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nangona bomelele beyinyambalala,baya kunqanyulwa bathi shwaka.Nangona ndakubandezelayo, Juda,ngoku andiyi kuphinda.

13. Idyokhwe yabo ndiza kuyaphula;ewe, ndoyisusa entanyeni yakho,ndiziqhawule iimbophelelo zakho.”

Unahum 1