30. Athi amakholwa akuyiqonda le nto, amthatha uSawule, amsa eKhesariya, aza amthumela eTarso.
31. Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.
32. Njengoko uPetros wayeyihamba yonke loo ngingqi, ngathuba lithile watyelela abantu bakaThixo eLida.
33. Apho wahlangana nendoda egama linguEneya. Yayife icala, futhi ineminyaka esibhozo yalalayo.
34. Wathi uPetros kuyo: “Eneya, uYesu Krestu uyakuphilisa. Phakama, wendlule umandlalo wakho.” Ngakonje ukuba atsho, wavuka uEneya.
35. Bathi bakumbona, bonke abantu ababehlala eLida nakwintili yaseSharon bazinikela eNkosini.