Umsebenzi Wabathunywa 9:26-29 Ibhayibhile (XHO96)

26. USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu.

27. Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

28. Waza ke uSawule wahlala apho eJerusalem, ejikeleza elishumayela ngesibindi igama leNkosi.

29. Ngokunjalo wathetha, waxoxa nawo namaJuda athetha isiGrike, kodwa asuka afuna ukumbulala.

Umsebenzi Wabathunywa 9