1. Ngalo lonke eli thuba uSawule yena wayefutha izisongelo zokwenzakalisa abalandeli beNkosi. Waya kumbingeleli omkhulu, wacela ukuba amnike iincwadi zeziqinisekiso,
2. ukuze aye *ezindlwini zesikhungo zamaJuda eDamasko, abe nako ukuthi xa ebafumana abalandeli bale Ndlela yeNkosi, abakhonkxe, amadoda kunye nabafazi, eze nabo eJerusalem.
3. Endleleni yakhe eya eDamasko, xa asondelayo apho edolophini, ngequbuliso wabona ukukhanya esibhakabhakeni, okwasuka kwambanekela ngeenxa zonke.